27/02/2020
Ndandimthanda umntwana womntu bethu andinabhongo.
Indlela endandimthanda ngayo yayingena kufaniswa nanto.
Ndandisoloko ndinemincili xa ndicinga ngaye.
Ewe wayenazo iiziphoso zakhe kodwa zazingengomqobo.
Nditsho nabahlobo babeyazi indlela endiziva ngayo.
Oh!😪Sasonwabile nomntwana womntu andifuni kuxoka.
Ndandithi noba ndihleli naye ndimjonge suke ndiphele luncumo ndimomotheke iizidlele ziyotsho kwiindlathi.
Ntliziyo yam xola!!