MXhosa SA

MXhosa SA ๐Ÿ›– ๐Ÿช” ๐ŸŒพ

Professional Poet ๐ŸŽค & Writer โœ๏ธ

08/11/2024

Zitshise iingcinga zokungcola
Kubekho uhlungu luze lubuye luhlume uhlaza.
Tyala umthi uyakukuthi jize ngumthunzi mhla lagqatsa ilanga.

08/11/2024

Ingaske ndifumane i hintshana ye bhekile kamabil'ebanda,ndifumane incuma yegusha๐Ÿ– ndifumane umngqusho onomhluzi namazambane ๐Ÿ›gqiba ndithobe nge rhewu .
Ndicule u "Abantu aba" ndifumane amathontsi ka Mamboyi, gqiba ndicule "Ndinxil'ndifuz'udabawo, gqiba ndikhatshwe ndiyonxiba i jezi๐Ÿ‘ซ๐Ÿ‘• ๐Ÿ˜ญ๐Ÿ˜ญ๐Ÿ˜ข

08/11/2024

Unyawo alujoji
Ingomso aliqekeleleki
iziganeko zizalwa phantsi kwenyanga ziphume nelanga
Zibe liwaka okwe nkwenkwezi.

08/11/2024

Ngalentsasa ndithi:
"Ekunyamezeleni ukhona umvuzo
Kaloku kuqale kubekho isfingo xakuzokhanya.."

07/11/2024

Vuka MXhosa

Qina MXhosa
Qiqa MXhosa
Cinga MXhosa
Sebenza MXhosa...

07/11/2024

Ingqondo yakho
mayinga lawulwa ngumsindo ekuthatheni izigqibo....

06/11/2024

Kutheni kunje nje emhlabeni?

kutheni Kunje?๐Ÿ˜ข

06/11/2024

Yiba yilento ofuna abantwana bakho babe yiyo
iba ngumzekelo
tshintsha isimo sentlalo
zingela aluhlaza amadlelo
khon'ukuze inzala yakho ifukanyelwe kwikhaya elifudumeleyo

06/11/2024

Bhotani ngalentsasa ...๐Ÿ‘‹๐Ÿฟ
Ndithi mandinikhumbuze nje elibinzana
EKUNYAMEZELENI UKHONA UMVUZO... Mini emnandi๐Ÿ’ฏ

05/11/2024

xa umakhelwane wakho esenza izinto ezintle mnqwenelele okuhle nangakumbi kuba nawe uye ukhuthazeke wenze okuhle kuba uzeka mzekweni kuye..

05/11/2024

Bayafuna ukukubona uphumelela kodwa hayi ngaphezulu kwabo ๐Ÿ™ngobawena ungundlela azaziwa ndazibona sendiphumele.

04/11/2024

ubugxwayiba bendawo ohlala kuyo abunamsebenzi xa wonwabile awububoni kunjalo nje koko bubonwa limehlo le ndwendwe

kodwa ungxunguphalo lwalowo uhlala kuma mpomakazi lubonwa ngimninilo kuba lucace gca okwe kati emhlophe ehlungwin lubonwa nazimfama ingxokolo yengxolo yengxabano yabo iviwa nazizithulu.

ngcono ndibe lihlwempu ndonwabile kunokuba sisigwili esihlala ngentliziyo elihlwili
namehlo azaliswe zinyembezi zentlungu.๐Ÿ˜

04/11/2024

Big Zulu -Kade ndikhala ๐Ÿ˜ญโค๏ธ๐Ÿ’ฏ

"Ndiguqile phantsi ngedolo ngashisa impepho emsamo ndathandaza kodwa akulungi azi bayandiva na abadala ayi kunzima kade ndikhala ๐Ÿ˜ญ๐Ÿ˜ญ kuphela inkomo esibayeni nkodwa akulungi namhlanje ngiyohlala nakusasa ngiyobe ngikhala mina ๐Ÿ˜ญ"

BIG ZULU BIG ZULU BIG ZULU bhutiii ๐Ÿ™Œ๐Ÿฟ๐Ÿ˜ญ

03/11/2024

Yanga Chief ft ZUKO SA - Xa Ukhona

"Ngoku bendimane ndizamazama, amathuba bewavula Vala, bayafun ukbona uphumelela, kodwa hayi ngaphezu kwabo. Ngoba wena ungundlela azaziwa, sendizbona sendiphumelela, ngoba wena ungundlela azaziwa, AMAPHUPHA AFEZEKA XA UKHONA"โค๏ธ๐Ÿ™โค๏ธ

Hlonipha ininangoba xa sele lincame Yonke into lixolela ukujinga ilisoYiva lisithi lona lihluthi xa ukutya kungonelanga ...
03/11/2024

Hlonipha inina

ngoba xa sele lincame Yonke into lixolela ukujinga iliso

Yiva lisithi lona lihluthi xa ukutya kungonelanga lonke usapho loxa kunge njalo

Mbone umzali ekhala kuqala xa usana lwakhe lugcuma zintlungu

Sele ezele injubaqa lomntu ehamba ingabuyi ithi ukubuya kwayo athi thatha yonke imigodlo yakho uphindele aph'ubusuka khona.
uthi wakukwenza oko aphinde kwayena akuxhaye athi "hlala pha phantsi ugqibelisile namhlanje".

Ahh Gqiyazana Ahh Mbokodoโค๏ธโค๏ธ

02/11/2024

Nyawozam Undenzisile izinto.
Nyawo Zam Undihlanganisile Naboni
Nyawo Zam Undilahlekisile
Namhlanje Ndazana Nalo NaLowa.
Namhlanje Ndihlukanisa Ingcuka Nofele Lwegusha.

Nyawo Zam Ndiyabulela
Nyawo Zam Ndithi Enkosilll

02/11/2024

Uluvo lwam luvakala gabalala.
Kugqabhuke inyongo kukrakre okwekhala.
kunxila noo soze kulobhekile ekhiwe kweyam ifatyi.
Xandi tshayile elam icuba kungabikho mntu unqwenelela ukudiza nam.

Ndiyihombo kwaXhosa ndibize iskhakha komama.
Ihombo yakwaXhosa ndibize isinxiba mxhaka kotata.
Ndiyohombo yokwenene ndibize ikhukho lomtshakazi.
Ndiyihombo yokwenene ndibize ikhakha kwixesha lamadabi anzima imfazwe eziqhum'uthuli zincenceshelwe ngempalalo gazi.
Ndibize umkhotho wokuhlasela utshaba.

Utshaba lwam kukulala ndingafundisanga esizweni ndikhuthaze ngezimnini kunye nezafobe.
Ulala njani ebusuku xakanti walahla imbo yakho ngophoyiyana?
Ndingumthuthuzeli othi akulahlwa mbeleko ngakufelwa mzi wakowethu!

Ndazalelwa ukufundisa isizwe sakowethu esilahlekileyo.
Ndazalelwa ukukhokhela abazali bethu silwe neziyobisi ezitshabalalisa ulutsha zimshiye umntu evuza izincwe.
Ndazalelwa ukulwa nobundlobongela ndingajonganga nzuzo.

02/11/2024

Ndiyakuthanda Tshaba lwam ngoba uyandomeleza ๐Ÿ’ฏ

Address

45 Masole Street
Welkom
9463

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when MXhosa SA posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to MXhosa SA:

Share